Abafundi Abenza Ugrade 4 Abakwiipesenti Ezingama-56% Bagonyelwe iHPV | Western Cape Government

News

News

Abafundi Abenza Ugrade 4 Abakwiipesenti Ezingama-56% Bagonyelwe iHPV

3 April 2014

URhulumente wezeMpilo weNtshona Koloni ubamba ngazibini kwabo bazali abakhethe ukuba iintombi zabo zigonyelwe iHPV enxulumene nesifo soMhlaza weSibeleko, ngokuthi basayine ifom enika imvume yoko bayibuyise. Ngokwenza njalo, abongikazi bethu abaqeqeshiweyo  banikwa imvume yokuba  bagonye iintombi zenu kuMjikelo wokuqala wePhulo leHPV.

IHPV yintsholongwane efumaneka lula kwaye ingunobangela  weZifo zoMhlaza ezikwiipesenti ezingama-80%.ICervarix®  lichiza elithintela ukunwenwa kweSifo soMhlaza esinxulumene neHPV njengoko linqanda ukwanda kwesi sifo.

UMphathiswa wezeMpilo weNtshona Koloni, uTheuns Botha, uxhasa eli phulo kwaye uthi: “Inkcukacha manani ibonisa ukuba uninzi lwamabhinqa ethu asele elula   ayafa  sisifo somhlaza. Apha sinechiza lokuthintela esi sifo. Ndikhuthaza bonke abazali nabanonopheli bamantombazana asakhulayo ukuba mababazise kwaye babafundise ngechiza logonyo nangeli phulo. Sibambisene, singaqinisekisa ukuba iintombi zethu zinempilo kwanekamva eliqaqambileyo.”

Impendulo esiyifumene  kuqala kumaqela ezempilo asezikolweni ibonisa ukuba abazali abaninzi abazibuyisanga iifom ezinika imvume yokuba abantwana bagonywe.

Isebe livile ukuba kukho okuninzi okunyemba olu gonyo okubhalwe kumajelo oluntu osasazo(kwii-social media sites). URhulumente weSebe lezeMpilo eNtshona Koloni uthanda ukwazisa uluntu ngoku:

  • Ukususela ngomhla we-10 kuMatshi 2014 ukuzokuthi ga ngoku, amantombazana akwiipesenti ezingama-56  abakugrade -4 angena kwizikolo zikarhulumente okanye kwizikolo zemfundo zabakhubazekileyo eNtshona Koloni bagonyiwe loo nto ithi ngamantombazana angama-20 000.
  • Kweli nani likhulu lamantombazana agonyiweyo, zibe ntathu iimeko ezibe mandundu, kuzo zonke iimeko ezixhalabisayo xa kucingwa ngokuhlatywa ngenaliti, eyona igqitheleyo yaba kukugabha kwanokuba  nesicaphucaphu.
  • Ngamantombazana athe afumana ugonyo lokuqala aya kuthi afumane olwesibini.

Ugonyo ise yeyona ndlela iyiyo yokuthintela izifo ebantwaneni bethu. URhulumente wezeMpilo eNtshona Koloni  selekhuphe amachiza amaninzi ukunceda umntwana wakho ahlale esempilweni. Ukukhuselwa kwiHPV kuyafana nala machiza; ukhusela impilo yomntwana wakho kwixa elizayo. Njengamayeza onke amatsha abantu baba nemibuzo emininzi, omnye kukukhuseleka kwechiza logonyo lweHPV.

Okupapashiweyo malunga nokhuseleko logonyo lweHPV lunika ubungqina  bokuba iimeko ezithi zibulale amajoni omzimba , kwanezifo eziphathelele ekuphazamisekeni kwemithambo yoluvo, kwanezo zifo zinento yokwenza kwizinto ezithi zixabe endleleni yokuhamba kwegazi ezifana namahlwili  azivuselelwa lugonyo lweHPV.  UMzantsi Afrika uzakube usebenzisa ichiza i Cervarix®, ekunobungqina bokuba  alunazikhwasimla, ukuba zikho zincinane kakhulu.

Nazi ezinye iimeko onokuzithathela ingqalelo xa usenza isigqibo sokuba intombi yakho igonyelwe iHPV na:

  • Akubangakho meko zixhomisa amehlo kwilinge lokuqala lokusebenzisa ichiza Cervarix®  .
  • Ichiza alinanto enokuba nomthelela:Kwimbewu yenzala  , ekuyeni exesheni, ukusebenza kweehomoni , nasekukwabelelaneni ngesondo okokuqala.
  • Ugonyo lweHPV lukhusela ukosuleleka yiHPV ngalendlela kwenzeka ngayo kwamanye amachiza njengogonyo lwemasisi luthintela intsholongwane yemasisi ukuba ingatyhefi umzimba ibangele ukugula.
  • Abasebenzi boRhulumente weSebe lezeMpilo abazakube behlaba baqeqeshiwe ukulawula iimeko ezimandundu ngexesha lophulo nasemva koko.Ukhuseleko lwesigulana yeyona nto iphambili kuthi.

Ukuba ufuna iinkcukacha ezithe vetshe kwanoLuhlu leMibuzo eBuzwa Rhoqo, efumanekayo kuzo zontathu iilwimi, nceda yiya ku:
http://www.westerncape.gov.za/general-publication/frequently-asked-questions-about-human-papillomavirus-hpv

Media Enquiries: 

Jo-Anne Otto
Principal Communications Officer
Western Cape Government Health
Cape Winelands
Tel: 023 348 8100
Cell: 072 808 0106
E-mail: Jo-Anne.Otto@westerncape.gov.za