UMPHATHISWA U IVAN MEYER EVUYISANA NO FW DE KLERK | Western Cape Government

UMPHATHISWA U IVAN MEYER EVUYISANA NO FW DE KLERK

2015
(Western Cape Government)

UMphathiswa wezeMali uGqirha Ivan Meyer ubemele uRhulumente weNtshona Koloni kwiseshini yokutshintshwa kwegama lendlela i-Table Bay Boulevard ibizwe ngokuba yi-FW de Klerk Boulevard kwakunye nokuvuyisana nowayesakuba ngumongameli.

Ngomhla we-5 kweyoMdumba owayesakuba  nguMongameli uFW de Klerk wamkele ukutshintshwa kwegama lendlela eKapa ethe yabizwa ngegama lakhe njengokuwonga bonke abathi banceda ekwakheni iNkululeko yoMzantsi Afrika .  “Ndingathanda ukunibulela ngegalelo newonga enithe nandinika lona ngokugqiba ekubeni nitshintshe igama le Table Bay Boulevard ibizwe ngegama lam," utshilo kwintetho yakhe ebeyilungiselele lo msitho wokuthiywa ngokutsha kwendlela.

Umgaqo wokutshintshwa  kwegama lendlela  uye waxhaswa luninzi lwabemi baseKapa, kuquka iNkulumbuso yeNtshona Koloni uNkosikazi  Helen Zille kunye no-Archbishop Emeritus Desmond Tutu wamaTshetshi.

Ethetha ngokutshintshwa kwegama lendlela uMphathiswa u-Ivan Meyer uthe  Olu ibiluphawu oluhle lokunika imbeko nesihomo kowayesakuba nguMongameli weli uMnu de Klerk.

 “UMnu FW de Klerk wathi zikho yaye zininzi iindlela, wasuka wakhetha eyodwa eyawuthatha uMzantsi Afrika yawubeka khondweni limbi yaye igalelo lakhe kulwakhiwo loMzantsi Afrika obandakanya wonke ubani kufuneka siphawule ngalo kunjalonje silincome,” utshilo umphathiswa.

UDe Klerk, ominyaka iyi 79, wayengumongameli ukusukela kweyoMsintsi 1989 ukuya kuCanzibe 1994.  Wayeyintloko yoMbuso yokugqibela  woMzantsi bayi ntloko phantsi koRhulumente wengcinezelo . Ngonyaka ka 1993, wawongwa ngembasa ye- Nobel Peace Prize kunye nowayesakulwela ingcinezelo   iqhawe lomzabalazo uNelson Mandela ngendima abayidlalayo ukuphelisa ingcinezelo.

Imibuzo kwezoSasazo: Daniel Johnson
Igosa Lonxibelelwano kwezoSasazo/ Isithethi SoMphathiswa wezeMali u Gqirha Ivan Meyer

Cell: 079 990 4231
E-mail: daniel.johnson@westerncape.gov.za

The content on this page was last updated on 11 February 2015