INtshona Koloni ifumana i-R26 yezigidi zeerandi eya kwizindlu nakoo gqirha | Western Cape Government

INtshona Koloni ifumana i-R26 yezigidi zeerandi eya kwizindlu nakoo gqirha

2015
(Western Cape Government)

URhulumente weNtshona Koloni ufumana isixa esongezelelweyo esiyi R26 yezigidi zeerandi esivela kuNoNdyebo kaZwelonke eyakuthi isetyenziswe ekuhlalisweni kwabantu kunye nezeMpilo.

UMphathiwsa wezeMali uGqirha Ivan Meyer ulwandlalile kuMthetho oSayilwayo woHlengahlengiso loLwabiwo-mali oloNgeziweyo wonyaka mali ka 2014/15 ngexesha lokuhlala kweNdlu yoWiso – Mthetho ngomhla wama 26 kweyoMdumba.

UGqirha Meyer uthe olulwabiwo lwesixa-mali esongezelelweyo kwiPhondo kukubonisa ukuzithemba kuRhulumente weNtshona Koloni ukuba angenzi nkcitho koko enze ngokufanelekilyo nangokukuko ekuchitheni imali.

Uthe i-R26 yezigidi zeerandi eyabelwe iphondo yayiyinxalenye yenkqubo karhulumente kaZwelonke ukwaba kwakhona  esisixa esisuka kweso sasingasetyenziswanga nguZwelonke iluncedo-mali olunemiqathango olwalwabelwe amanye amaPhondo.

Kwisixa-mali esongezelelweyo esiyi R6.956 yezigidi zeerandi  esiya kwiSebe lezeMpilo, elisebe liyakuyisebenzisa ukuncedisa  ekuphumezeni  iprojekhthi yokuqashwa kwengcali yezempilo jikelele, eyiprojekhthi elilinge  e Plettenberg Bay (isithili sase Eden).

ISebe lokuhlaliswa kwabantu lephondo liyakufumana i- R20 yezigidi zerandi.

 

Ngemibuzo yamajelo osasazo:
Mnu Daniel Johnson
Igosa Lonxulumaniso lamajelo osasazo /Isithethi sikaGqirha Ivan Meyer uMphathiswa weziMali
Iselula: 079 990 4231
I- imeyile: daniel.johnson@westerncape.gov.za

The content on this page was last updated on 4 March 2015