IKHWELO LEZICELO ZONCEDO-MALI LWEEPROJEKTHI ZE-SMME | Western Cape Government

IKHWELO LEZICELO ZONCEDO-MALI LWEEPROJEKTHI ZE-SMME

IKHWELO LEZICELO ZONCEDO-MALI LWEEPROJEKTHI ZE-SMME

Amashishini amancinci naphakathi askumacandelo ezolimo (agri-processing) ne-oli negesi eNtshona Koloni ayamenywa ukuba afake isicelo zoncedo kwiCape Capital Fund. Ingxowa-mali le sisibonelelo sokwabelana ngeendleko kwaye abaxhamli abavunyiweyo baza kulindeleka ukuba bafake igalelo eliphakathi kweepesenti ezingama-30% nezingama-50% kwiieendleko zephulo elamkelweyo.

Ingxowa-mali iza kuxhasa amaphulo ajolise:

  • Ekwandiseni ufikelelo kumathuba ngesiqinisekiso nosigunyazisa, amaphulo orhwebo nemiboniso;
  • nokuphuculwa kweendlela zokusebenza nezibonelelo. Oku kulinganiselwe oomatshini nezixhobo kuphela.

Indlela  

Bonke abafaki zicelo kufuneka babe:

  • Ngumbutho okanye iqumrhu elenza inzuzo ;
  • Sebesebenze/ beshishine ubuncinane iinyanga ezingama-24;
  • baneengxelo zezimali zonyaka;
  • banesatifiketi serhafu esifanelekileyo;
  • babhalise kunye neeKomishini yenkampani i-Intellectual Property Commission (CIPC);
  • banesatifiketi esifanelekileyo se-BBBEE esiyibonakalisa ngokucacileyo iprofayile yobunini bombutho lowo;
  • banazo zonke iimpepa-mvume zokuthengisa.

Izicelo mazenziwe kwifomu elungiselelwe ezi zicelo zize ziphelekwe ngamaxwebhu axhasayo afunekayowa.  

Ukuba ufuna iifomu zezicelo zeefomu kwaye unayo nemibuzo, nceda uqhagamshelane naba bantu:

USharief Davids

021 483 9112

Sharief.Davids@westerncape.gov.za

UPeter-Jon Thebus

021 483 9026

Peter-Jon.Thebus@westerncape.gov.za

 

Iifomu zesicelo zingafumaneka kule webhusayithi: http://www.westerncape.gov.za/assets/departments/economic-development-tourism/cape_capital_application_2015.pdf

Izicelo kufuneka zifakwe ingabethanga eye-12:00 ngoLwesihlanu, 22 kuCanzibe 2015.

Ngeposi:

Mayithathelwe ingqalelo: NguSharief Davids okanye uPeter-Jon Thebus

ISebe loPhuhliso loQoqosho noKhenketho

PO Box 979

EKapa

8000

Ngesandla:

Mayithathelwe ingqalelo: NguSharief Davids okanye uPeter-Jon Thebus

ISebe loPhuhliso loQoqosho noKhenketho

kuMgangatho we-10

Isakhiwo iWaldorf

80 St George’s Mall

EKapa

 

Azisayi kwamkelwa izicelo ezifakwe emva kwexesha. Zizicelo ezifunyenwe ngeposi okanye ngesandla eziza kwamkelwa. Izicelo ezithunyelwe ngefeksi okanye nge-imeyile azisayi kwamkelwa. Izicelo ezingagcwaliswanga ngokupheleleyo azisayi kwamkelwa.

Le Ngxowa-mali ayisayi kuwaxhasa amaphulo asele efumana inkxaso-mali karhulumente ngephulo elikwafana neli. Akukho mfaki-sicelo unalungelo lenkxaso-mali ngokuzenzekelayo; iSebe liyazikhethela amabayifumane  inkxaso-mali.

Iifomu zesicelo zingafumaneka kule webhusayithi: http://www.westerncape.gov.za/assets/departments/economic-development-tourism/cape_capital_application_2015.pdf

The content on this page was last updated on 7 May 2015