URhulumente wezeMpilo weNtshona Koloni ubamba ngazibini kwabo bazali abakhethe ukuba iintombi zabo zigonyelwe iHPV enxulumene nesifo soMhlaza weSibeleko, ngokuthi basayine ifom enika imvume yoko bayibuyise. Ngokwenza njalo, abongikazi bethu abaqeqeshiweyo banikwa imvume yokuba bagonye iintombi zenu kuMjikelo wokuqala wePhulo leHPV.
IHPV yintsholongwane efumaneka lula kwaye ingunobangela weZifo zoMhlaza ezikwiipesenti ezingama-80%.ICervarix® lichiza elithintela ukunwenwa kweSifo soMhlaza esinxulumene neHPV njengoko linqanda ukwanda kwesi sifo.
UMphathiswa wezeMpilo weNtshona Koloni, uTheuns Botha, uxhasa eli phulo kwaye uthi: “Inkcukacha manani ibonisa ukuba uninzi lwamabhinqa ethu asele elula ayafa sisifo somhlaza. Apha sinechiza lokuthintela esi sifo. Ndikhuthaza bonke abazali nabanonopheli bamantombazana asakhulayo ukuba mababazise kwaye babafundise ngechiza logonyo nangeli phulo. Sibambisene, singaqinisekisa ukuba iintombi zethu zinempilo kwanekamva eliqaqambileyo.”
Impendulo esiyifumene kuqala kumaqela ezempilo asezikolweni ibonisa ukuba abazali abaninzi abazibuyisanga iifom ezinika imvume yokuba abantwana bagonywe.
Isebe livile ukuba kukho okuninzi okunyemba olu gonyo okubhalwe kumajelo oluntu osasazo(kwii-social media sites). URhulumente weSebe lezeMpilo eNtshona Koloni uthanda ukwazisa uluntu ngoku:
Ugonyo ise yeyona ndlela iyiyo yokuthintela izifo ebantwaneni bethu. URhulumente wezeMpilo eNtshona Koloni selekhuphe amachiza amaninzi ukunceda umntwana wakho ahlale esempilweni. Ukukhuselwa kwiHPV kuyafana nala machiza; ukhusela impilo yomntwana wakho kwixa elizayo. Njengamayeza onke amatsha abantu baba nemibuzo emininzi, omnye kukukhuseleka kwechiza logonyo lweHPV.
Okupapashiweyo malunga nokhuseleko logonyo lweHPV lunika ubungqina bokuba iimeko ezithi zibulale amajoni omzimba , kwanezifo eziphathelele ekuphazamisekeni kwemithambo yoluvo, kwanezo zifo zinento yokwenza kwizinto ezithi zixabe endleleni yokuhamba kwegazi ezifana namahlwili azivuselelwa lugonyo lweHPV. UMzantsi Afrika uzakube usebenzisa ichiza i Cervarix®, ekunobungqina bokuba alunazikhwasimla, ukuba zikho zincinane kakhulu.
Nazi ezinye iimeko onokuzithathela ingqalelo xa usenza isigqibo sokuba intombi yakho igonyelwe iHPV na:
Ukuba ufuna iinkcukacha ezithe vetshe kwanoLuhlu leMibuzo eBuzwa Rhoqo, efumanekayo kuzo zontathu iilwimi, nceda yiya ku:
http://www.westerncape.gov.za/general-publication/frequently-asked-questions-about-human-papillomavirus-hpv
Jo-Anne Otto
Principal Communications Officer
Western Cape Government Health
Cape Winelands
Tel: 023 348 8100
Cell: 072 808 0106
E-mail: Jo-Anne.Otto@westerncape.gov.za