UNondyebo wePhondo iNtshona Koloni ufumana ingxelo engenachaphaza kuphicotho - zincwadi | Western Cape Government

UNondyebo wePhondo iNtshona Koloni ufumana ingxelo engenachaphaza kuphicotho - zincwadi

2015
(Western Cape Government)

UMphicothi- zincwadi  Jikelele woMzantsi Afrika (AGSA), UMnu Kimi Makwethu, kwiveki ephelileyo unike imbeko uNonyebo wePhondo leNtshona Koloni kunye namanye amaSebe alishumi  apha eNtshona Koloni ngokufumana uphicotho zincwadi olungenachaphaaza  kunyaka mali ka 2013/14.

Ngethuba esenza intetho yakhe  kuMsitho wokuWonga abaBandakanyekayo kuPhicotho olungenaChaphaza loNyaka (AGSA’s Annual Stakeholder and Clean Audit Award Function), uMakwethu ubabulele bonke ababekho ngobunkokheli obuphume izandla. “INtshona Koloni kunye neGauteng neKwazulu-Natal ngawo abahamba phambili kwithuba lokuphucula iziphumo zophicotho zincwadi kunye nolawulo lwezimali. Uyakuqonda ukuba njengesicaka sikaRhulumente senza oko sikwenzayo ngenxa yolawulo, abantu kunye nokuhanjiswa kweenkonzo” utshilo umnu Makwethu.

Kuphuculwe inani elingaphezu kwepesenti eziyi 100 kuphicotho zincwadi olungenachaphaza  (ezilishumi elinanye (11) zikulo nyaka mali ka 2013/14 ziphikisana nezintlanu (5) kunyaka mali ka 2012/13) ezathi kwavuyiswana nazo kuba zibonisa izinga lenkxaso eqhubayo enikwa amaSebe nguNondyebo wePhondo leNtshona Koloni nokuzinikela kulawulo olululo lweNtloko zamaSebe besebenzisana neqela labo labaphathi.

UMphathiswa wezeMali eNtshona Koloni, uGqirha Ivan Meyer uphawule ngempumelelo kaNondyebo wePhondo kwakunye neofisi yeNkulumbuso ngokuqhubeleka ukwamkela nokwenza isiqinisekiso sephulo nesikhokelo esihlanganyelweyo esililinge lokubona uphuculo olubalulekileyo kwiziphumo zophicotho zincwadi lwephondo. “Liyenyuka  ixabiso lokuqonda ukuba ukusebenza  ngombono omnye wempumelelo ekulawuleni izimali, ufundiso lweqela, uphuculo lwezakhono kwezemali nokuyeka ukwenza izinto ezinxamnye nomthetho. Ezi ziphumo zincomekayo zophicotho zincwadi mazihambelane nokuphuculwa kokuhanjiswa kwenkonzo kuluntu lwethu nakuRhulumente weNtshona Koloni  okuya kuthi kulole ingqwalasela ekuqinisekiseni ukuba abemi beli lizwe bafumana elona xabiso likhulu” utshilo uGqirha Meyer.  

Ngemibuzo yamajelo osasazo qhagamshelana nalo-:

Nicolaas van Aarde
Umnxeba: 021 483 3040
I-imeyile: nicolaas.vanaarde@westerncape.gov.za

The content on this page was last updated on 23 April 2015