Cape Gateway
English | Afrikaans | Malunga | Qhagamshelana | Uncedo | Funa nzulu  |
 
ISEBE LEMICIMBI YENDALO ENGQONGILEYO NEZOTYELELO: UBUME

Injongo yeSebe leMicimbi yezokusiNgqongileyo noKhenketho kukukhokela ulawulo lokusingqongileyo nokhenketho ngokweminqweno yophuhliso olungaphelendawo, kusenzelwa wonke ubani, ngokuthi

  • kukhuthazwe uphuhliso olungaphelendawo, ukusetyenziswa nokukhuselwa kwezinto zethu zendalo nenkcubeko.
  • kumiselwe iinkqubo zokhenketho ezinengqiqo neziqinisekisa uzinzo kwezisingqongileyo nezinegalelo ekudalweni kwemisebenzi nomgangatho ongcono wobomi.
  • ululolonga izakhono, amava kunye nolwazi ngokungqonge bonke abemi boMzantsi Afrika.
  • ukunyanzelisa ukufikeleka ngokobulungisa kwinzuzo efumaneka kwizinto zethu zendalo nenkcubeko
  • ukuxhobisa abemi boMzantsi Afrika ngamandla, uluntu namaqumrhu ngokunjalo, oko kusenziwa ngokubambisana, iinkqubo zophando neenkonzo zengcaciso
  • kusetyenziswane nabo bonke abachaphazelekayo namacandelo aseburhulumenteni ngokomoya wolawulo ololulo.
  • kuqinisekiswe ukuba konke ukuthabatha inxaxheba kwezizwe ngezizwe kuqhutywa ngokwemigaqo-nkqubo nemimiselo yoMzantsi Afrika.

Imisebenzi yeli Sebe iqulunqwa kananjalo isungulwe ngamasetyana amahlanu eli sebe:

  • EloLawulo lwezokusiNgqongileyo
  • EloLawulo lwezaseManzini naseluNxwemeni
  • EloKhenketho
  • EloLawulo lweZinto eziPhilayo noLondolozo lweNdalo
  • IMicimbi yeeNkonzo eziDityanelweyo

Ezinye iinkqubo neeprojekthi eli Sebe elibandakanyeka kuzo kungoku nje zezi:


IWEBSITE: www.environment.gov.za
Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 17 uAgasti 2004
South African National Government crest Provincial Government of the Western Cape logo I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe Western Cape: A Home For All logo