Cape Gateway
English | Afrikaans | Malunga | Qhagamshelana | Uncedo | Funa nzulu  |
 
UMASPALA WESITHILI SASE-EDEN: UBUME

UMasipala weSithili sase-Eden ubandakanya iBhunga leSithili soMzantsi Koloni neKlein Karoo.

Oomasipala beSithili ngabo abalawula benze nemithetho yesithili, engabandakanyi masipala mnye. Injongo yaba masipala bezithili nabeengingqi kukubambisana ngoxanduva lorhulumente wengiqngi kwiindawo zabo ukuqinisekisa ukuba zonke iindawo zoluntu, ingakumbi iindawo zoluntu oluhlelelekileyo, ekufuneka libe nokzifikelela ngokulinganayo izibonelelo kwaneenkonzo. Oku kuya kunceda oomasipala beengingqi abangenazo izinto ezizibonelelo ezifana (nemali, amaziko, abasebenzi nolwazi) ezingenza kukwazeke ukuziswa kweenkonzo kwiindawo zabo. Bakwanceda nasekucutheni iindleko zokwenza umasipala abe nokusebenza ngokwabelana ngezibonelelo kunye namanye amabhunga. Iindawo ĉezinezintoĈ ziya kunceda ezo ĉzisweleyoĈ.

Eminye yemisebenzi namagunya oomasipala besithili ibandakanya:

  • ukuceba uphuhliso lomasipala wesithili sisonke.
  • ubonelelo lwamanzi aziswa ngobuninzi bawo oko kuthi kuchaphazele uninzi loomasipala besithili.
  • ubonelelo lombone oziswa ngobuninzi bawo oko kuthi kuchaphazele uninzi loomasipala besithili
  • ubonelelo ngemisebenzi yokucocwa kwelindle nokuthuthwa kwalo
  • ubonelelo ngeendawo zokuchitha inkunkuma yommandla wonke wesithili
  • ubonelelo ngeendlela zomasipala kummandla wonke wesithili
  • ukuziswa kweenkonzo zokuthutha abahambi

ukuziswa kweenkonzo zempilo kummandla wonke

  • ukuziswa kweenkonzo zcimo-mlilo kummandla wonke
  • ukulawulwa kweemalike zokutya ukusanda kuvunwa/kwenziwa
  • ukuphathwa kwamangcwaba
  • ukukhuthaza ukhenketho lwenqila kwindawo yonke
  • imisebenzi kamasipala eluntwini
Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 18 uAgasti 2004
South African National Government crest Provincial Government of the Western Cape logo I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe Western Cape: A Home For All logo