| English | | | Afrikaans | | | Malunga | | | Qhagamshelana | | | Uncedo | | | Funa nzulu | |
Ukufumana Imibutho Yolutsha yaseMzantsi Afrika
INKCAZELO: |
Kukho intaphane yemibutho eMzantsi Afrika esebenza nolutsha phantsi kwemiba emininzi neyahlukileyo. Le mibutho iquka imibutho engajonge ngeniso, imibutho yenkolo, amanyathelo afumana uncedo nenkxaso ngezimali kurhulumente. Ukuze ufumanise ukuba yeyiphi na imibutho ekhonyayo kwingingqi ohlala kuyo, ungaphendla ezi zikhundla zonxibelelwano ngekhompyutha
ISIKHUNDLA SOLWAZI SEKOMISHONI YESIZWE YOLUTSHA ESINEMIBUTHO YOLUTSHA YASEMZANTSI AFRIKA IKomishoni Yesizwe Yolutsha igcina uluhlu database lwemibutho eli-135 eMzantsi Afrika esebenza nabantu abatsha. Esi sikhundla sonxibelelwano siqulethe iinkcukacha zonxibelwano zale mibutho kwaneenkcukacha ngeenkonzo zazo, ze apho kukwazeka khona uthunyelwe kwiiwebsite zayo. Esi sikhundla solwazi singaphendlwa ngokwelona gama lingundoqo kuloo mba uwufunayo. Phendla esi sikhundla solwazi ngokuthi undwendwele iwebsite yeKomishomi Yesizwe Yolutsha. ISIKHUNDLA SOLWAZI SEENKOZO ZEMIBUTHO YEMSOBOMVO Esi sikhundla solwazi siyafumaneka kwiSikhundla Sonxibelelwano Solutsha. Ungasiphendla esi sikhundla solwazi ngokuthi ufake:
Ukuze ufumane iinkcukacha ezithe vetshe ungaqhagamshelana neZiko Elitsalelwa Iminxeba kule nombolo 08600 YOUTH (08600 96884). IMIBUTHO ENGAJONGE NGENISO EBHALISE ENTSHONA KOLONI Imibutho emininzi engajonge ngeniso eNtshona Koloni ibhaliswe kwiSebe leeNkonzo Zoluntu Nokupheliswa Kwentlupheko. Ukuze ufumanise ukuba yeyiphi na imibutho ekhonyayo kwingingqi ohlala kuyo, ungaphendla uluhlu lwemibutho ebhalisiwey kwikhompyutha. |
IBONELELWA LISEBE:
|
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
|
|
Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 4 uJuni 2006