| English | | | Afrikaans | | | Malunga | | | Qhagamshelana | | | Uncedo | | | Funa nzulu | |
|
INKCAZELO:
|
![]() Ukuphehlelelwa kweZiko Zeetuthuzelo laseNtshona Koloni Eli Ziko llihlangeneyo ke sele liliziko elikumgangatho ophezulu eliqhutywa ziingcali ekubuyiseleni abantu kwiimo zengqondo nezomphefumlo zesiqhelo elijongana nokwamkela abantu abathunyelwe ngawo onke amanqanaba eenkonzo zeentuthuzelo (kwinqanaba lesithathu, elesibini, elezithili kwaneenkonzo zenqanaba lokuqala). Izigulana nazo sizenokuzithumela kwiklinikhi yezigulana ezingalaliswayo leli Ziko ukuze zifumane ukuhlolwa ngeenjongo zolawulo.
iZiko iWCRC le lizinikele ekuthuthuzelweni nasekubuyiselweni kwimeko yesiqhelo kwabantu abakhubazeke ngokwasenyameni ngokuthi:
Le WCRC inikezela ngenkonzo yentuthuzelo nokubuyisela kwimo yesiqhelo ekumgangatho ophezulu kwakunye neenkqubo ezijoliswe eluntwini olonzakele nolunezigulo ezilwenza lukhubazeke unaphakade. Eli ziko lineebhedi ezingama-240 kwakunye neklinikhi evulwa ntsuku zonke. Ezona nkqubo zeentuthuzelo zinikezelwa apha ziquka
Ngokweemfuno zabantu beli phondo, iWCRC le iya kulungiselela uluntu olufikelela ku-485,950. Oku ke kuthethe ukuba ibhedi nganye iya kusetyenziswa ngabantu aba-3,115 kwabo bayisebenzisayo le nkonzo apha eNtshona Koloni. I-WCRC le ikwanikezela nangesikhundla esisodwa seentshukumo zophando nezoqeqesho kuthotho lwabasebenzi becandelo lononophelo lwezempilo, basebenzi abo baquka oogqirha, abongikazi, iingcali zononophelo lwempilo yomzimba, iingcali zononophelo lwempilo yomsebenzi, iingcali zononophelo lwempilo yokuthetha, oonontlalo-ntle, njalo-njalo, ndawonye nabasebenzi abawuyelanga sikolweni umsebenzi wononophelo lwempilo abanjengabo banonophela izigulana emakhayeni azo. IZIXHOBO EZONGEZELELEKILEYO KWIZIKO ELITSHA I-WCRC I-The Lodge: Kubantu abahlala apho nabanonopheli abafumana uqeqesho, inkxaso, intuthuzelo; ze nakwizigulana ezilaliswayo zeengingqi ezisemaphandleni emva kokuqoshelisa inkqubo yokuthuthuzelwa kwabo. iStepping Stones: Le ke yindawo yokuhlala yexeshana eyenzelwe abantu abakwinqanaba labo lokugqibela lale nkqubo yokubuyiselwa kwisimo sesiqhelo Izixhobo zemidlalo kwanezinye ezayameneyo: Le ke yingingqi yonyango ngamanzi ekwindawo engaphakathi yokuzilolonga, ekwibala lomdlalo webhola yomnyazi, izifundo ngokumelana neziphazamiso kubantu abahamba ngezitulo zabakhubazekileyo, izifundo zokuzilolongela ixesha lesitulo sabakhubazekileyo, isitiya sokunqula ngendlela ye-feng shui, kwakunye neqonga lokuqeqesha abantu ukuba bakwazi ukuzilungizselela izitulo zabakhubazekileyo. Iingingqi ezintathu ezinkulu zonyango, inye kuzo inendawo yokuzilolonga, iingingqi zokuthuthuzela kwakunye neengingqi ze-ADL ezinegumbi lokuphekela, elokuhlambela, elokutyela kwakunye nelokulala. iCandelo Lantsuku Zonke Lezigulana Ezingalaliswayo elenzelwe uvavanyo lokukhubazeka, uhlalutyo, inzululwazi yokulungiswa nokuthengiswa kwamachiza kwakunye neenkonzo zenkqubo yezifundo zezixhobo zokufota amalungu omzimba Iiklinikhi Zeengcali Zegumbi Lezigulana Ezingalaliswayo, umzekelo, isifo esichaphazela ithambo lomqolo, ezezandla namagxalaba, uqhaqho-fakelo lwamalungu omzimba, zizfundo ngokuhlaliswa ngamachule kwizitulo zabakhubazekileyo IZIPHUMO EZINTLE ZELI PHULO LE-WCRC
Umdlalo Webhola Yomnyazi Yabantu Abahamba Ngezitulo Zabakhubazekileyo |
INDAWO: |
Mitchell's Plain, eKapa |
IPHANTSI KO-/ IXHASWA YI-: |
Isebe Lezempilo (uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa) |
UDIDI LWEZIKO: |
Amaziko Awodwa Ononophelo Lwempilo |
IDILESI YESITALATO: |
kwa-103 eHighlands Drive, eLentegeur, eMitchell's Plain |
IDILESI YEPOSI: |
Private Bag x 19, eMitchell's Plain, 7789 |
UMNXEBA: |
021 370 2300 |
IFEKSI: |
021 370 2400 |
IINKCUKACHA EZICHAZAYO: |
uJenny Hendry nguSekela-Mlawuli ze abe kwayiNtloko yeli Ziko uMaryna Smit yena nguMncedisi-Mlawuli: Kwezokonga u-Abie de Reuck naye nguMncedisi-Mlawuli: Kwezolawulo uCarin Roux nguMncedisi-Mlawuli: Kwiinkonzo Zonyango uJimmy van Rooyen naye nguMncedisi-Mlawuli: Kwiinkonzo Zeeklinikhi. |

