MALUNGA NELI SEBE
ISebe Lezempilo laseNtahona Koloni linika izigulana iinkonzo zononophelo lwempilo ezisemgangathweni nezifikelelekayo ngokwezimali.
Ukuze libe libe nokunikezela ngenkonzo yononophelo lwempilo esemgangasthweni kubo bonke abantu baseNtshona Kapa, iSebe Lezempilo lizinikele ekuekuqulunqeni isicwangciso-qhinga sexesha elide esibizwa ngokuba yiHealthcare 2010. Esi sicwangciso ke sinenjongo ekuphuculeni icandelo leenkonzo zononophelo lwempilo yoluntu eNtshona Koloni ukuze lijongane neenkonzo zomgangatho wokuqala, unonophelo wempilo yoluntu ekuhlaleni kwakunye nononophelo lokuthintela izigulo.
ISebe Lezempilo leli phondo lelinye lawona masebe amakhulu aseburhulumenteni kweli phondo yaye lifumana ama-27,9% (R5,7bn) ohlahlo-lwabiwo-mali lweli phondo. Abantu abaninzi abaphila kweli phondo abanalo ukhuseleko lwezempilo yaye uninzi lwabantu (ama-66%) luxinene kwiNqila yeKapa (kwiKapa neziphaluka). Bamalunga ne-12 lezigidi abantu abatyelela amaziko ezempilo kweli phondo ngonyaka ze babe malunga nezigidi ezimbini nesiqingatha izigulana ezilaliswa kwizibhedlele zethu ngonyaka.
EZISADL' UMZI
Eli phondo kungoku nje lijamelene noxanduva lwezifo ezintathu, ezizezi:
- Izifo ezosulelayo, ezifana nesifo sephepha, intsholongwane kaGawulayo noGawulayo ngokwakhe;
- Izifo ezinobuzaza ezifana nesifo seswekile, ubushushu, isifo sobushushu kunye nempilo ze ke kubekho;
Neentlungu zomphwfumlo kwakunye nomthwalo weemeko ezingxamisekileyo.
AWONA MAPHULO APHAMBILI
INkqubo Yokuthintela Ukosuleleka Kosana Yintsholongwane kaGawulayo esuka Kunina yenye yeenkqubo eziphambili zeNtshona Koloni. Ngenyanga yoKwindla ka-2003 iSebe Lezempilo besele lizuze liyifumene yonke impumelelo yeli phulo kuzo zonke izithili zeli phondo ezingamashumi amabini anesihlanu, yaye onke amanina abekhulelwwe ngoko abezimasa iinkonzo zononophelo lwempilo yokubeleka eziququzelelwe ngurhulumente kungoku nje ayafikelela kule nkqubo yokuthintelwa ukosuleleka kweentsana ezingekazalwa yintsholongwane kaGawulayo esuka koonina.
IINKONZO Iinkonzo ke zinikezelwa kuthotho lwamaziko kwimimandla emine yeli phondo.
|