Ukubhalisa kuLuhlu Lwabavoti
DESCRIPTION:
Phambi kokuba ungavota kulonyulo lukaZwelonke okanye looMaspala, kufuneka ube kanti ubhalisile kuLuhlu lwabavoti.

ULuhlu olu luqulethe iinkcukacha zomvoti ngamnye yaye lusisixhobo esibalulekileyo sokulungiselela uvoto. Umzekelo, luvumela i-IEC yazi ukuba bangaphi abantu abanokuvota kwingingqi nganye ukuze yona iqinisekise ukuba izikhululo zovoto zanele.

ULuhlu Lwabavoti lukwabalulekile ekunqandeni ubuqhophololo kuvoto.
INSTRUCTIONS:
Ungakwazi ukubhalisa kuphela kwingingqi ohlala kuyo - oko kukuthi apho uhlala khona, okanye indawo oqhele ukubuyela kuyo emva kwexesha umkile.

Ukuze ubhalise, udinga ukuba:

  • Ube ngaphezu kwe-16 leminyaka ubudala.
  • Ukuya kubhalisela uvoto ngokwakho.
  • Ngummi woMzantsi Afrika.
  • Ube futhi ubonise incwadana yakho yesazisi (ID) enekhodi yokuvota, okanye isiqinisekiso esisasebenzayo sesazisi sexeshana.

Ungabhalisa kwiofisi yoMongameli woLonyulo looMaspala, ngamaxesha omsebenzi.

Nangona ungabhalisa xa usiba ne-16 leminyaka uzelwe, ungavota kuphela xa une-18 leminyaka uzelwe.
PROVIDED AT:
These facility categories:
PROVIDED BY:
GOVERNMENT BODY:
Independent Electoral Commission
The content on this page was last updated on 15 December 2003