|
|
Eli candelo libonelela ngoncedo ngokusetyenziswa kwe-website yeCape Gateway. Ukuba uthi udinge olunye uncedo emva kokufunda oku, thumela iemail kwi: questions@capegateway.gov.za, okanye utsalele umnxeba kule nombolo 0860 142 142.
I-Cape Gateway ifumaneka ngesiNgesi, isiBhulu nesiXhosa (ekuziilwimi ezisesikweni eNtshona Koloni). Ungatshintshela kolunye ulwimi ngokucofa kolo lwimi ulukhethayo phezulu kulo naliphi na iphepha.
Ukuphendla-phendla le website kuya kuba ngolwimi olukhethileyo, kodwa ke njengoko ingekaguqulelwa yonke le ngxam kuzo zontathu iilwimi, uya kungena kwicandelo lesiXhosa lale website ze ube usafumana ingxam ngesiNgesi nangesiBhulu. Xa iqhekezana le ngxam lifumaneka ngolunye ulwimi, oku kuyachazwa ekupheleni kwaloo ngxam.
Ukuba unqwenela ukuphendla-phendla iqhekeza le ngxam ngolunye ulwimi efumanekayo kulo, cofa kwikhonkco. I-website (ukuyiphendla-phendla, okanye okunye) iya kuhlala kolo ubulukhethe kuqala. (Ukuba injongo yakho kukutshintshela kolunye ulwimi lwale website ngokugqibeleyo, sebenzisa amakhonkco eelwimi phezulu ekhohlo kwiphepha elo, njengoko kuchaziwe phezulu apha.) Enye ingxam kule website ikuhlobo loxwebhu lwe-PDF kwi-Adobe Acrobat.
Ukuze ube nakho ukuphendla-phendlana nala maxwebhu uya kudinga iAdobe Acrobat Reader engahlawulelwayo. Oku ke kuyafumaneka kwi-website yakwa-Adobe. Xa sele usithathile wasifaka esi sixhobo sokufunda, uya kukwazi ukuphendla-phendla la maxwebhu. Enye ingxam kule website ikuhlobo lweMicrosoft Word.
|



